Abantu abangaphezu kwewaka batyikitye ixwebhu elinezinyanzeliso ezihlaba ikhwelo elithi makukhululwe ngokukhawuleza Uzuzole Goqwana omnye wabatyholwa ngokubulala uZolani Tete.
Olu xwebhu, olwaqalwa ngumntu ongabizanga igama lakhe kodwa wazichaza ngokuba "ungumntu waseGompo City," lujikeleza kumakhasi onxibelelwano. Echaza izizathu zokufuna ukuba Uzuzole akhululwe uthi: "Siyabuqonda ubunzulu bezityholo ezijongene noGoqwana kunye nelahleko enkulu elafunyanwa lusapho lukaZolani Tete nabantu abamthandayo.
"Asifuni ukuphazamisa inkqubo yobulungisa, kwaye asifuni ukugqiba ukuba Uzuzole unetyala okanye akanatyala. Oko kuxhomekeke enkundleni.
"Nangona kunjalo, ukutyholwa ngolwaphulomthetho akuthethi kuthi umntu ulahlekelwa lilungelo lakhe lesidima nokukhathalelwa ngokwezempilo olufanelekileyo," itshilo ingxelo.
Ingxelo igqamise imeko yempilo kaGoqwana eyadizwa enkundleni. "Siyaqonda ukuba Uzuzole ujongene nezityholo ezinzulu kwaye umbuso ukuchasile nokukhululwa kwakhe ngebheyile. Isicelo sethu asithi makachazwe njengongenatyala," itshilo.
Ezinye zezinyanzeliso kule ngxelo ziquka ukuvavanya ngokukhawuleza imeko yempilo kaGoqwana ngokusebenzisa ingcali yezempilo ezimeleyo ukuze kuqinisekiswe ukuba imeko yakhe entolongweni ifanele umntu osebenzisa isitulo esinamavili. Ikwathi makuqinisekiswe ukuba ufumana unyango noluleko olufanelekileyo oluhambelana nokwenzakala kwamathambo omqolo nokukhubazeka kwakhe.
"Uzuzole okwangoku ungumntu otyholwayo. Ukuba unetyala okanye akanalo kwakugqitywa yinkundla. Ide inkqubo yomthetho ifikelele esiphelweni sayo, ufanele ukuphathwa ngobuntu futhi iimfuno zakhe zonyango zijongwe ngokufanelekileyo."
UGoqwana noSinebhongo Qase babuyela enkundleni ngomso (uLwesithathu) eMdantsane apho kugqityezelwa ukuxoxwa kwezicelo zabo zebheyile. UGoqwana ulwela ibheyile ngelithi udinga uncedo olukhethekileyo ngoba ukonzakala kwakhe okwamkhubazayo kwenza kube nzima kuye ukulawula umchamo nelindle.
Ngelixa uQase esithi unabantu abaxhomekeke kuye njengoko inguye umntu obeka ukutya etafileni ekhaya.
Ukubanjwa kwabo kulandela isiganeko esenzekayo n
gomhla wamashumi amabini ananye (21) kwinyanga yeThupha, umhla ekwadutyulwa ngawo uTete wabhubha ngamadoda angaziwayo engena kwakhe eMdantsane.
Amapolisa abamba uGoqwana (22), uQase (28), u
Siphesihle Kolisa (28), noAthandwa Gandala (27) abarhanelwa ngokuba nesandla ekubulaweni kukaTete osweleke eneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38).
UKolisa noGandala kuthiwa ngabo ababulali abasiwa nguQase kuGoqwana okuthiwa nguye owakhe igumgedle noxa ekhanyela. Esi sibini khange sifune ukufaka isicelo sebheyile ngokufanayo nesinye isibini (uGoqwana noQase) esizama ukuxoxela ityala singaphandle entolongweni.
(0)Comments