UNqatha uthi soze iSACP izithathe kancinci iivoti zabantu baseMpuma Koloni

UNqatha uthi soze iSACP izithathe kancinci iivoti zabantu baseMpuma Koloni
View on original source
Category: Politics
Share
Archive
Like
Amakomanisi aseMpuma Koloni anyuka esehla kwiindawo ngeendawo ekhangela iivoti njengokuba ilizwe lilungiselela unyulo olusekuthambekeni konyaka. Kwiveki ephelileyo, uXolile Nqatha onguNobhala wawo, ukhulule amalungu ombutho ukuba ayokugaya iivoti emva kokuba ephehlelele umqulu wezithembiso ngokusesikweni kwindibano ebibanjelwe eBuffalo City College, eGompo City, kwimpelaveki edlulileyo. Kwintetho yakhe yosuku, uNqatha uthembise abantu baseBuffalo City Metro ngelithi Amakomanisi aza kubasebenzela ngokukhulu ukuthemba. Kunyaka ophelileyo, iSouth African Communist Paty (SACP) ixelele iAfrican National Congress ukuba iza kungenela unyulo kulo nyaka njengeqela lezopolitiko elizimeleyo. Noxa Amakomanisi ekumzabalazo wokufumana iivoti kwelinye icala athi ukungahambisani nayo iANC akuthethi kuthi aphumile kunxantathu. UNqatha uyibethelele into ethi amalungu kanxantathu ayalingana onke. "Siyalingana singamalungu kanxantathu. Inyaniso mayithethwe maqabane siyeke ukuba ngathi singabantwana," utshilo uNobhala eholweni ebeligcwele Amakomanisi. Izinto ethembise ngokuzenza: ziinkonzo zoluNtu ezingenasiqabu, imisebenzi ebhadlileyo, umhlaba, izindlu, ezempilo, ukhuseleko, ulawulo oluchasene neethenda ezihamba norhwaphilizo nooceba abakhonza abantu. UNqatha ubagxekile abantu abarhwaphiliza ubutyebi belizwe babe abantu belamba "Eli lizwe lelikabani kwicala lezoqoqosho, Kutheni abanikazi belizwe belamba bengaphangeli elizweni labo? Kunjalo ngoba baphucwe izinto zabo ngoku kutya oozipeqengeshe neetshomi zabo. Imigodi, iibhanki nomhlaba ngowenu bantu beli lizwe - kodwa bayalamba. Ndifuna sithi siphehlelela iphulo lethi sibe siyazi ukuba ingxaki ilelephi," utshilo uNqatha. Amakomanisi axelele abantu ukuba aza kusebenza ngokuzimisela futhi aza kubanika ulawulo olucacileyo. "Sifuna ukuxelela abantu beli phondo ukuba asisoze sizithathe kancinci iivoti zabo. Ivoti yakho ifana nesibophelelo phakathi kwakho neCommunist Party. "Namhlanje sibhekisa ebantwini abangenanto, abathwaxwa yintswelongqesho nakubasebenzi. Sithetha nabantu baseBuffalo City abangenawo amanzi nabasebenzi abanemivuzo engenalo ixabiso ngenxa yeendleko zamaxabiso ezinto ezityiwayo, ezothutho nawombane," utshilo uNqatha

(0)Comments

 

A note on cookies

Newshunt uses essential cookies to keep you signed in and to remember your language and country, so the site works the way you expect. With your permission, we'd also like to use analytics cookies to understand how people use Newshunt and improve it over time.

Accepting only affects analytics. To learn more, view our Privacy Policy or Terms & Conditions.